
Oongxowankulu
nemibutho yabo babanga ukuba kukho iingxaki zoqoqosho kwihlabathi yaye
basebenzisa oku ukunika isizathu sokugxotha abasebenzi emisebenzini,
sokunciphisa inkcitho kwintlalo yaye kwiphulo lokuhlasela nokujongela phantsi
iinzuzo ezaphumelelwa kwikhulu leminyaka yemizabalazo. Kodwa luhlobo luni
lwengxaki yaye ngubani ongunobangela wazo? Okubaluleke ngaphezulu yintoni
enokwenziwa ngezingxaki?
I-Workers
International Vanguard League (WIVL) ikhutshelwe ngaphandle kulo nyulo
lukaApril
Elinye
lamalungelo ebekudala sililwela, ibililungelo lokulungiselela, lokwakha
intlangano zopolitiko nokuthatha inxaxheba kulonyulo. Kwa elilungelo liphantsi
koxin zelelo. Yonke imibutho epalamente ihleli phantsi ngokunokwayo yaye yabeka
idipozithi yokuthabatha inxaxheba kumaphondo onke yaye nakumgangatho kazwe
lonke eyi R540 000. U-WIVL uzingenisile zonke izinto ezifunekayo, ukuquka
uluhlu labagqatswa abangamashumi amabini anesithoba (29) abavela kumaphondo
amahlanu, abasuka kwiingingqi zasezilalini nasezidolophini. Kuphela iKomishoni
yoLonyulo (IEC) ebinomdla kuyo kukuba sinayo na idipozithi. I-IEC, emiswe
ngurhulumente wembumba kawonkewonke weANC, isebenze egameni longxowankulu
abadla bodwa ukukhuphela ngaphandle intlangano zabasebenzi ezinjengathi. Amazwe
amaninzi obungxowankulu afuna nje uluhlu lweesignitsha ukubonisa inkxaso
ethile, ukuze uthabathe inxaxheba kulo nyulo. Elo gatya lilula liyalelwa kubasebenzi
apha.
Indlela kuphela eya phambili kubasebenzi kukuba
balungiselelwe ngokuzimela kongxowankulu nakwipalamente; mele sakhe iikomiti zokhuselo
zabasebenzi sizikhusele kuhlaselo oluqhubekayo longxowankulu nakwi agents zabo.
Ngoku, ngaphezulu kunakuqala, kufuneka sakhe intlangano ezimeleyo yotshintsho
olululo. Simema abalwi abangabasebenzi namaqabane azibandakanye nathi kumlo ochasene
nenkqubo yehlabathi yongxowankulu-yama impiriyali.
Kutheni
sithabatha inxaxheba kolu lonyulo?
Abantu abaninzi
basibuzile kutheni sithabatha inxaxheba kulo nyulo xa sikholelwa ukuba
iSocialism ayizukuza ngepalamente. Sithabatha inxaxheba kolu lonyulo ngoba
abantu abaninzi banombono wento engekhoyo wokuba ipalamente ingenza impucuko
ebomini babo. Injongo zethu eziyintloko zokuthabatha inxaxheba kukujongana
nabameli bemibutho yongxowankulu ngqo. Siyakuphakamisa izindululo namabango
abasebenzi. Iimpendulo kanye zabameli bemibutho yongxowankulu ziyakusinceda
sibonakalise kwisininzi sabasebenzi yintoni indima yepalamente ngokwenyani.
Indima yepalamente kukunika inyambalala umbono wento engekhoyo wokuba sinelizwi
lokwenyani ekulawuleni ilizwe, xa ngokwenyani, silawulwa ngolawulo lozwilakhe
lomgangatho wongxowankulu.
Kungokuba
imibutho yongxowankulu iqondile ukuba bazakubhentsiswa sithi, yilo nto
bezakuzama nangaziphina iindlela bagcine abameli bethu ngaphandle epalamente.
Sinemiqathango
engqongqo kubameli bethu ukuqinisekisa ukuba babhekisa phambili umzabalazo
wabasebenzi yaye abathinjwa. Abameli bethu bazakusayina isibhambathiso ngenx’
engaphambili sokuba bazakuba phantsi kokuthotywa kamsinya, bazakwamkela umvuzo
omisiweyo womsebenzi onobuchule; bazakubasezikhundleni inyanga ezintandathu
kuphela (abameli bazakujikeleza); bazakubeka umzabalazo wabasebenzi ongaphandle
epalamente ngaphezulu kwawo nawuphina umsebenzi wepalamente.
Ngoko ke
yintoni intsusa yento ebizwa iingxaki zabaqashi?
Inzame zabo
zokunyusa iingeniso zifikelele kwisithintelo esikhulu. Iingeniso zabo ziqalise
ngokwehla ngamandla angaphezulu ngoba bengasakwazi ukucudisa iingeniso
ezaneleyo kubasebenzi behlabathi. Oku kukhokelele ongxowankulu ukuba
baphambukise imali yabo ekuyizaliseni kwimveliso kodwa kwintelekelelo
(speculation) yezindlu, ukutya, izabelo, kwinto evela kwenye, njalo njalo. Kukugqabhuka
kweli qampu lentelekelelo elithe labanga ezingxaki zangoku, ezo kodwa iliphawu
lokwehla kweengeniso kumacandelo emveliso. Iphulo labo lokunyusa iingeniso
libetheke kwisithintelo esikhulu. Kwiminyaka edlulileyo, bebenciphisa
abasebenzi ukwenyusa izinga leengeniso zabo kangangokuba bafikelele
kwisiphambuka sokuba kukho abathengi abambalwa kakhulu (bambalwa kakhulu
abaqeshiweyo bathenge impahla zorhwebo) ngoko izinga leengeniso liqalise
ngokuhla. Ongxowankulu sele bekuqhelile ukwenza inkitha yeengeniso ukuthi
ukuhla okuncinane kubo ‘ziingxaki’. Iivenkile ezinkulu (shoprite, pick n pay,
spar, etc) zigcwele kukutya, abathengisi zimoto bazithenge ngokugqithisileyo
iimoto, kodwa kukho abathengi abambalwa kakhulu bokuzithenga kumgangatho
wamaxabiso aphezulu. Ngolo hlobo ingxaki ayikukuba kukho izinto
ezinqongopheleyo, kodwa zigqithisile! Ubungxowankulu buthetha, ubutyebi
behlabathi besezandleni zongxowankulu abam balwa, ekubeni abasebenzi behlabathi
begciwa bebulawa ngendlala.
Ama impiriyali
Ongxowankulu abadla-bodwa baqhubeka ngokwenza iingeniso ezinkulu
Kunyaka
ophelileyo,urhulumente woMzantsi Afrika uqokelele ikhulu elinamashumi
amathandathu ananye lamawaka ezigidi zerandi (R161Billion) kwirhafu yenkampani
kwingeniso. Oku bekuzipesenti ezingamashumi amabini anesibhozo (28%), okuthethe
ukuba iinkampani zenze iingeniso ezingamakhulu amahlanu anamashumi asibhozo
amawaka ezigidi zerandi (R580 Billion) kunyaka ophelileyo. Ukuba siyacinga ezi
kuphela ziingeniso ezibhengeziweyo ngoko kukhuselekile ukucinga ukuba iingeniso
zenkampani zokwenyani bezisondele ubuncinane kumakhulu asixhenxe amawaka
ezigidi zerandi (R700 Billion). Ngoko ngokucacileyo, akukho zingxaki zeengeniso
eMzantsi Afrika. Izinga lengeniso kumazwe ebesakucinezelwa njengoMzantsi
Afrika, belisoloko liphezulu ngaphaya kunakumbindi wama impiriyali. Ngoku ama
impiriyali abanga kwa iingeniso ezinkulukazi kumazwe ebesakubangabacinezelwa ukubuyisela
iingeniso zabo ezehlayo ekhaya.
Xa abaqashi
abakhulu bethetha ngeengxaki yaye xa abasebenzi bethetha ngeengxaki, sithetha ngezinto
ezahlukeneyo. Xa abaqashi bethetha ngeengxaki bathetha ukuthi endaweni yokwenza
iingeniso ezingamawaka amathathu epesenti (3000%) umgangatho weengeniso zabo
uhlele kumawaka amabini anamakhulu amahlanu epesenti (2500%). Xa abasebenzi
bethetha ngeengxaki, sithetha iqondo eliphezulu lokungabinamsebenzi, lababulawa
yindlala kunye nokufa phambi kwexesha kwezigidi zabasebenzi.
Iingeniso
ezingaphaya kokuqonda zivela kwimpahla zorhwebo ezithengiswa ngaphezulu lee kunexabiso
lazo lokwenyani lokuzivelisa
Ixabiso lokwenyani
lengxowa ye cornflakes ngamashumi amathathu esenti (30 cents). Kodwa ingaba
abavelisi abakhulu bokutya okanye ivenkile ezinkulu zinganciphisa amaxabiso
ukwenzela izigidi ezifa yindlala zitye? Hayi, ngoba kuthetha ukuthi izinga
leengeniso zabo elizipesenti ezingamawaka amahlanu anamakhulu asixhenxe (5700%)
lizakuhla libe zipesenti ezilikhulu 100% okanye amakhulu amabini 200%- oku
abakulungele ukukwenza.
Akudalanga
kakhulu ixabiso le Plutinum belingamakhulu amane anamashumi amane edollar ($440)
yathi intelekelelo yanyusela amaxabiso phezulu ngaphezulu kwamawaka amabini
edollar ($2000). Ngoku nje sele ihlile yaba liwaka ledollar ($1000), uAnglo
Platinum ufuna ukugxotha emisebenzini ishumi lamawaka (10 000) abasebenzi, kodwa
bebekholisekile kwaleli nani linye labasebenzi xa ixabiso lalizidollar
ezingamakhulu amane anamashumi amane ($440). Sele beqhele umgangatho ophezulu
weengeniso yaye abakulungelanga ukuwuncama.
Ngaphezu
kwamashumi amane epesenti (40%) epetroli esetyenziswa eMzantsi Afrika iveliswa
apha nguSasol ngaphantsi kunamashumi amabini edollar ($20) umphanda. Xa le
nkampani yayinduluka, abasebenzi, ngeerhafu zethu sabaxhasa kodwa ngoku benza
inkitha yeengeniso bayaqhubeka ngokuncediswa ngokwenza ngurhulumente weANC,
ukugcina amaxabiso epetroli ephezulu ngokwenziwa. Abanini bezabelo abazintloko
namhlanje kuSasol yimizi egcina imali yaseMelika enjenge Bank of New York, JP
Morgan Chase, SSB, State Street.
Kutheni i-ANC
inganyanzelisi irhafu ephezulu kuma impiriyali adla wodwa?
Ukunyusa irhafu
yenkampani kunokwenzeka
Ngeemini
‘zobandlululo’ izinga lerhafu yenkampani lalingamashumi amane anesibhozo epesenti
(48%). Urhulumente womfela ndawonye weANC uyinciphisile irhafu yenkampani
yabangamashumi amabini anesibhozo epesenti (28%). Njengenyathelo phakathi
kwinkqubo yobungxowankulu, urhulumente unako lula ukunyusa izinga lerhafu
yenkampani ukuya kumashumi amahlanu epesenti (50%). Oku bekuzakuqokelelela
amakhulu amabini amawaka ezigidi zerandi (R200 billion) ngaphezulu ngonyaka
kwindleko zokuhlala yaye inkampani bezizakube zisenza iingeniso ezingamakhulu
amathathu anamashumi amahlanu amawaka ezigidi zerandi (R350 billion) ngonyaka.
Kumazwe ahlukeneyo aseYurophu izinga lerhafu yenkampani ngamashumi amane
anesibhozo epesenti (48%). Izinga lerhafu yenkampani eMelika ngamashumi
amathathu anesihlanu epesenti (35%). Ngoko ke kutheni urhulumente weANC
engayinyusi irhafu yenkampani? Isizathu sokuba inkampani zizakuphakama yaye
zibaleke ayisosiqinisekiso njengokuba zihlawula irhafu eninzi ngaphezulu
kwezinye indawo ehlabathini. Inyani yeyokuba urhulumente weANC, ngenkxaso
ngokwenza yenkokheli zikaCosatu nezeSACP, okubaluleke ngamandla zixhasa
ongxowankulu. Xa ubungxowankulu busezingxakini, inginginya yabantu iphakama,
njengokuba babenjalo apha ngo 1985-1994, ongxowankulu ngamanye amaxesha
balawula ngembumba zikawonke-wonke (Popular Front). Le mbumba ngumfela ndawonye
wemigangatho emininzi, leyo ngokubanzi inenkxaso yenkokheli zemanyano
zabasebenzi, ezo zibophelela impembelelo yabasebenzi ukuba ixhase inkqubo yobungxowankulu.
Okuyintloko inkokheli zeANC-Cosatu-SACP zembumba zizimisa ngathi zixhasa
abasebenzi, kodwa zitshintsha ukhondo lwemizabalazo yenkitha yabasebenzi zibase
kwindlela evalekileyo ngaphambili, kude le kumzabalazo wokuthabatha ulawulo,
ukuthi kude le kumzabalazo weSocialism.
Iimbumba
zikawonke-wonke (Popular Fronts) zinembali yokungcatsha abasebenzi
Iimbumba zeMDC
eZimbabwe, zeMAS eBolivia kunye nePSUV eVenezuela yimizekelo efanayo apho
imizabalazo yabasebenzi iphambukiswayo kude lee kumzabalazo wolawulo. Kutsha
nje abasebenzi migodini baseHuanuni eBolivia baphakama bebanga ukuba iminyaka
yokuzalwa yepenshini ithotywe ibe ngamashumi amahlanu anesihlanu (55). Umkhosi
kaMorales (inkokheli ekucingwa yeyasekunxele) wabizelwa abasebenzi uzokubatyumza.
Abasebenzi mgodini ababini babulawa yaye inkokheli zemanyano (Federation)
lwemanyano zabasebenzi zahlala zisonge izandla ekubeni abasebenzi
babecinezelwa. Ababasebenzi mgodini bathatha isigqibo babethi’ ikhwelo
lokutshintsa inkokheli zabo zemanyano yabasebenzi ezingabathengisi. Kwelinye
icala xa amaqela alawula ngokozwi-lakhe ahlasela ngomkhosi axhaswa ngama
impiriyali aseMelika athabatha phantse isiqingatho sonke selizwe, uMorales
zange enze nto ukubamisa, amakhulu-khulu abasebenzi nabalimi belizwe balahleka,
abanye babulawa. Abasebenzi bagcinwa behluthwe izixhobo ekubeni amaqela ozwi
lakhe ahlasela ngomkhosi asebenza ngokukhululekileyo. Abanjalo amanyathelo
achasene nabasebenzi athatyathwa yimbumba kawonke-wonke eBolivia, leyo
abasebenzi behlabathi kufuneke bethathe isifundo ngamandla kuyo.
Ucalulo
olufutshane lohlahlo lwabiwo-mali lakutsha nje
Yonke imibutho
esepalamente, ngaphandle kokukhetha, ngokubanzi ilwamkele uhlahlo lwabiwo-mali.
Inkokheli zikaCosatu zibenamazwi afudumeleyo okudumisa uhlahlo lwabiwo-mali.
Inkokheli zikaCosatu neSACP zinika isizathu sokuxhasa i-ANC ngoba
sinorhulumente ‘osakhulayo’. Iinkokheli zikaCosatu neSACP zikholelwa ekubeni
kumele sigqithe kwixesha ‘lolawulo lwentando yesininzi longxowankulu’ ukuze
sakhe iimeko zeSocialism. Eli likhusi lomsi lokufihla injongo eziyinyani
zembumba yomfela ndawonye weANC-SACP-Cosatu, ukuba abathile abamnyama
abakumgangatho ophakathi babe ngabalingane bama impiriyali abanganeno,
ngokuncama amabango abasebenzi. Make siphonononge iindawo ezim balwa:
Izindlu
Kuthelekelelwa
ukuba izindlu ezingekakhiwa ngoku sisigidi esinesiqingatha (1.5 million) zezindlu.
Ngenxa yokukhula kwenani labemi inani lezindlu ezifunekayo ngonyaka nje
ukugcina isantya soku ngamakhulu amabini amawaka (200 000). Makhe sithathe njengenyaniso
ukuba ikhaya elifanelekileyo zizikwemitha ezingamashumi asithoba (90 square
metres). Indlu nganye iyaku dla amakhulu amabini anamashumi asixhenxe amawaka
erandi (R270 000), ke ngoqingqo mali lweshumi elinesithoba nesiqingatha
samawaka ezigidi zerandi (R19,6 Billion) kuphela ngamashumi asixhenxe
anesithathu amawaka (73 000) ezindlu ezinokwakhiwa. Oku akwanelanga kwa ukumelana
nokwanda kwenani labemi. Oku kuthetha ukuthi izigidi ezisixhenxe nesiqingatha
(7.5 million) zabantu abangenazindlu ngoku bazakuhlala lonke ixesha
bengenazindlu yaye inani labantu abangenazindlu lizakunyuka nyaka nonyaka
ngamakhulu amathandathu amawaka (600 000). Nokuba izindlu zeRDP ezincinane
zakhiwe ziyakwenza ikhulu elinamashumi amathandathu anesithathu amawaka kuphela
(163 000), zisengaphantsi kunokukhula kwenani labemi; inani labangenazindlu
lisezakukhula ngekhulu elinamashumi asibhozo amawaka (180 000) nyaka nonyaka. Ukutshabalalisa
ngokugqibeleleyo umsebenzi ongekenziwa ezindlwini kufuneka amakhulu amane
amawaka ezigidi zerandi (R400 Billion) [kumaxabiso anamhlanje ezindlu aphezulu
ngaphaya]. Xa urhulumente ethetha ngamakhulu asixhenxe amawaka ezigidi zerandi
(R700 Billion) kumaziko akhoyo (for infrastructure), ngokucacileyo abanazindlu
ezingqondweni.
Isininzi
samakhulu asixhenxe amawaka ezigidi zerandi (R700 Billion) azakusetyenziselwa kubuxoki
bukaEskom (obo sibhalileyo ngabo ngokubanzi – jonga i-website
yethu).Ngokufutshane, icebo likarhulumente lokuphinda kabini amandla okudala
umbane ngaphakathi kweminyaka engamashumi amabini. ‘Ukhulo’ kwezoqoqosho luvele
kwimisebenzi kawonke wonke, kwinkonzo zezimali nakwezokhenketho. Ngamaziko
ombane amangaphi afunekayo ukunika amandla uncumo lomkhokeli wabakhenkethi?
Iinkampani ezizakuxhamla ngabanini bezabelo bakwa General Electric noMurray and
Roberts (nabanini bezabelo abazintloko abanjenge Bank of New York, State
Street, JP Morgan Chase, SSB, njalo njalo).
Isininzi
sentsilelo yoqingqo-mali samashumi asithoba samawaka ezigidi zerandi (R90
Billion) ayisesolwakhiwo lwezindlu okanye naziphi imfuno zokuhlala, kodwa
yeyokwakha amaziko amandla ombane angafunekiyo, kwa nalushishino longxowankulu.
Urhulumente weANC ukulungele ukuboleka kuma impiriyali ahlawule umsebenzi wama
impiriyali kodwa akakulungelanga ukuhamba kangangalomgama mnye abeke izigidi
zabantu abahlala ematyotyombeni ezindlini ezifanelekileyo. Ukuzibophelela kwabo
okuxeliweyo bokubhangisa indawo ezinezindlu ezimdaka ezidolophini bubuxoki, bungqinelwa
ngamanani wabo ohlahlo lwabiwo-mali.
Ukungabinamsebenzi
Ngo September 2008,
inani lemisebenzi esisigxina labekwa kwizigidi ezisibhozo nesiqingatha (8,4
million). Eli nani lehlile kwisithuba seminyaka elishumi edlulileyo ukusuka
ngaphezu kwezigidi ezilithoba (9 million). Oku kuthetha ukuthi ukunyuka
kwamathuba emisebenzi okuxelwayo kwemisebenzi ezizigidi ezibini (2 million
yemisebenzi) kususela ngo 2002 ibingeyomisebenzi esisigxina yaye okuyinyani
ibigcinwe ikakhulu kwimisebenzi yoluntu. Le ‘misebenzi’ sele ithe shwaka.
Kususela ngo1994 isiqingatha senani lamashumi amahlanu amawaka (50 000) efama
zoshishino zatshatyalaliswa yaye ngaphezu kwesigidi nesiqingatha (1,5 million)
sabasebenzi basezifama balahlekelwa yimisebenzi yabo. Nyaka nonyaka kukho
amakhulu amahlanu amawaka (500 000) abaphuma ezikolweni. Ngolo hlobo inani
labangenamsebenzi landa ubuncinane ngamakhulu amabini amawaka (200 000) nyaka
nonyaka. Kodwa urhulumente ucwangcise kuphela ukudala amakhulu amane amawaka
(400 000) emisebenzi ‘yemini yonke-elinganayo’ ngeenkqubo zemisebenzi yoluntu
kule minyaka mithathu izayo. Endaweni yokuqasha amakhulu amane amawaka (400
000) abasebenzi bakamasipala abatsha abanoncedo, urhulumente ukhetha
ukuthengisa inkonzo zikamasipala kubantu babucala ngabangxungxi kwimisebenzi
yoluntu. Inkokheli zikaCosatu zixhasa ngokupheleleyo ukwenziwa abangxungxi
icandelo labasebenzi bakarhulumente. Urhulumente ukucacisa ngokokutsha okuxelwa
ngongaphangeliyo ekhuphela ngaphandle izigidi esele zincamile ukukhangela
imisebenzi kunye nezigidi ezifa yindlala ematyotyombeni. Kunyaka ophelileyo
bade bacacisa ngokokutsha okuxelwa ‘ngabatyhafisiweyo’ ekhuphela ngaphandle
esinye isigidi sabasebenzi ezincwadini zabo yaye bebabeka kudidi ngokubanzi
‘lwabangenagalelo kwezoqoqosho’. Urhulumente ubanga ukuba ukungabinamisebenzi
kwehlile xa ngokwenyani kungenyukanga nje kuphela kodwa kuyakusoloko kuqhubeka
ngokwenyuka phantsi kwecebo likarhulumente langoku.
Enye irhafu
kubasebenzi abarhola imivuzo ephantsi iyacetywa
Urhulumente we
ANC uceba ukuphakamisa irhafu engaphezulu phakathi
kwepesenti
ezilishumi elinesibini nelinesihlanu 12%-15% kubasebenzi bonke. Oku mhlawumbi
kuzakuya kumhlalaphantsi wabasebenzi. Xa umsebenzi eyeka ukusebenza,
awuzukukwazi ukubanga neyiphina eyalemali, kumele ulinde de ufikelele
kwiminyaka yomhlalaphantsi. Umgangatho wokudla ubom ungaphantsi kweminyaka
engamashumi amahlanu yaye abathathu kwabalishumi abasebenzi bazakufa phambi
kokuba bafikelele kwiminyaka engamashumi amane (40). Oku kuthetha ukuthi imali
etsalelwa ‘umhlalaphantsi’ izakuya kwimizi egcina-imali nokuthi uninzi
lwabasebenzi aluzukuyibona kwa ukuyibona le mali. Kodwa into ezakwenzeka kukuba
umvuzo oya nawo ekhaya uzakunciphiswa ngepesenti ezilishumi elinesibini (12%).
Umzekelo, ukuba umvuzo wakho ngamawaka amabini anamakhulu amahlanu erandi
(R2500) ngenyanga, umvuzo oyanawo ekhaya uzakuba nganeno ngamakhulu amathathu
erandi (R300)
Unciphiso
lomhlalaphantsi noncedo oluvunyiweyo (igranti)
Umhlalaphantsi nemali
yoncedo evunyiweyo inyuswe ngepesenti ezintlanu (5%) okanye ngaphantsi. Oku
kuthetha ukuthi ngokwenyani urhulumente unciphise umhlalaphantsi negranti,
ukuthi ngalomgangatho mtsha wewaka elineshumi lerandi (R1010) namakhulu amabini
anamashumi amane erandi (R240) wabomhlalaphantsi nabegranti bazakuthenga
ngaphantsi kunokuba bebethenga kunyaka ophelileyo. Kodwa, inkokheli zikaCosatu
kunye nayo yonke imibutho esepalamente iludumisile oluhlahlo lwabiwo-mali
njengoluxhasa abasebenzi. Imali yomhlalaphantsi inciphisiwe, ekubeni
kwangaxesha linye urhulumente ebheyila inkampani ezingodla bodwa zemigodi
ngezigidi ezibini zamawaka erandi (R2 Billion) kunye nabaqashi boshishino
lwemoto ngamakhulu-khulu ezigidi zerandi. Amakhulu amathathu aneshumi lamawaka
(310 000) agxothwa emisebenzini ngoku ngodla bodwa, awabheyilwa wona kwaphela.
Imfundo
Imfundo inikelwe
kubantu babucala yaye uninzi lwabaphuma ezikolweni abakwazi kufunda okanye
ukubhala. Ukongeza ulutsha olumalunga nezigidi ezine (4 million) phakathi
kweminyaka esixhenxe namashumi amabini anesine (7-24) awayi nakwelinye iziko
lezemfuno.
Ezempilo
Ukusukela ngo
1994 kude kube ngoku inani leebhedi zesibhedlela ngabantu abaliwaka lehle
ukusuka kumashumi amabini anesixhenxe ukuya kwishumi elinesixhenxe (27 to 17).
Isibini esithathwini sesabelo senkcitho kwezempilo siya kwicandelo labucala.
Iimanyano zabasebenzi zikaCosatu zizalisa ngemali kwezempilo zabucala.
Ukungakhathalelwa
ukuqhubekayo kweelali
Uhlahlo
lwabiwo-mali lwabele isigidi esingaphezu kwesiqingatha samawaka erandi (R1,8
Billion) ‘kwinkqubela phambili yelali’ ekubeni ikhulu elinamashumi asixhenxe
anesithoba amawaka ezigidi zerandi (R179 Billion) lisabelwa ‘iinkonzo
zezoqoqosho’. Urhulumente uchitha ngaphezulu ekucupheni kwinkcaso yongxowankulu
abakhulu (uhlahlo lwabiwo-mali lwecandelo lohlakanipho zizigidi ezithathu
zamawaka erandi R3 Billion) kuna kwizigidi ngezigidi ezihlala ezilalini. ‘Ukubheyilwa’
kongxowankulu abadla bodwa kukhutshelwe amakhulu khulu amawaka ezigidi
(izitediyam zika 2010, uEskom, njalo njalo) ekubeni amahlwempu ezilalini
eshiywa ukuba afe yindlala nokungabinamisebenzi. Ngokucacileyo, phantsi
korhulumente wembumba kawonkewonke yomfela ndawonye weANC-SACP-Cosatu,
amahlwempu ezilalini ajongene kuphela nokufa yindlala ngakumbi yaye nokufa
phambi kwexesha.
Yonke imibutho
esepalamente yeyongxowankulu
Amaxabiso
engqolowa, ombona nawembewu kajongilanga kwihlabathi ehle ngaphezu kwepesenti
ezingamashumi amane (40%) kwezinyanga zakutsha nje, kodwa ivenkile ezinkulu
nabavelisi bokutya abawathobanga amaxabiso okutya ngangalomgangatho. Namnye
umbutho osepalamente othe waqhuba iphulo lokuba amaxabiso okutya athotywe.
Akukho namnye kuyo ophikise ubumenemene buka Eskom; akukho namnye kuyo obange
ukuba ixabiso lokutya malithotywe, emva kokuba uTiger Brands nabanye abavelisi
befunyaniswe benetyala leyelenqe lokunyusa amaxabiso esonka ukusukela ngo 1994.
Inkokheli zikaCosatu akhange ziqhube iphulo olumiswe phantsi kolawulo
oluyintloko ngokuchasene nendyikitya ekhoyo yokugxothwa emisebenzini, kodwa
baludumisile uhlahlo lwabiwo-mali longxowankulu oluxhasa ukuxhamla iingeniso
ngabaqeshi. Ngebebethe ikhwelo loqhankqalazo jikelele kumiswe ukugxothwa
emisebenzini kodwa azenzanga nto ngoba zixakeke kakhulu ziququzelelela
impumelelo yolonyulo yongxowankulu oyiANC. Umlo ochasene namaxabiso okutya
aphezulu wanciphiswa wabaluqhankqalazo losuku olunye okokuba abasebenzi behle
umsindo- akukho maxabiso athotyiweyo. Bekumele ukuba kubethwe ikhwelo lokwayo lwabasebenzi
kuxhaswe inginginya eZimbabwe, Swaziland, DRC naseGaza, kodwa kuphela
uqhankqalazo olunqaphazekayo nokumiswa kokusebenza kanye okuthe kwabanjwa.
Palestine
Zombini i-DA, ANC
neSACP zinoluvo olufanayo ngePalestina, zibeth’ ikhwelo lozimele geqe ababini
borhulumente wabemi basePalestina. Akukho namnye umbutho epalamente okwazileyo
ukubeth’ ikhwelo lesigqibo sepalamente ibeth’ ikhwelo lokwayo oluchasene
noSirayeli. Iinkokheli zikaCosatu zixhasa
iphulo lokwala ukusebenzisana nokwayo kuphela ukuba nje likhokelelela
kuzimele geqe ababini borhulumente kubemi basePalestina.
Sibhentsisa
icebo leDA lokubulala abasebenzi ngendlala
I-DA ibanga ukuba
ine ‘cebo’ lokusombulula ukungabinamisebenzi. Ngokoku iphakamisa ukumiswa kwe
Export Processing Zones (EPZ’s).
I-ILO yobumbo
ngokutsha yenze uphononongo lweminyaka angamashumi amabini ngeEPZ’s yaye
yagqiba ukuba ezi zindawo zemivuzo ephantsi noxhaphazo olukhulu. Namhlanje
kukho ngaphezu kwezigidi ezingamashumi amabini anesixhenxe (27 million)
zabasebenzi kwiEPZ’s ezingamakhulu asibhozo anamashumi amahlanu (850) kwindawo
zonke, amashumi asithoba epesenti (90%) ababasebenzi ngabafazi. Ezi zindawo
apho kukho ukugxothwa kwenginginya rhoqo, ukusetyenziswa kwabantwana, akukho
mvuzo umisiweyo, apho onogada nomkhosi usetyenziswayo ukubetha kwa ilungelo
lokuba lilungu lemanyano zabasebenzi. Iinkokheli zabasebenzi zabulawa,
njengaseBangladesh; kaninzi amapolisa asebenzisa ubundlobongela ukutyumza
imanyano yabasebenzi; akukho zimeko zimisiweyo ezinjegelungelo lwentlawulo
yokusebenza ngaphaya kwexesha kunye nomda kwintsuku zokusebenza; eThailand,
kudala yakhuthazwa njenge Asian Tiger, abantwana basebenzela isenti
ezingamashumi asithoba (90 cents) ngeyure- le yinto i-DA eyifunayo ukunciphisa
abasebenzi babekubukhoboka obupheleleyo.
Abona ngxowankulu
babi abanjengo Coca cola, uNike ngabenzi bobubi abaqhubekekayo bokuhlukumeza
amalungelo oluntu kwiEPZ’s; ukuba ongxowankulu abakholwa zimeko, ukuba umzekelo
urhulumente ufuna ukubacinezela kwindlela abasebenza ngayo, basuke bahambe; oku
kwenzekile eMalaysia apho iminyaka embalwa edlulileyo xa abasebenzi babefuna
amalungelo angamanye, ipesenti ezingamashumi amathandathu (60%) zabaqashi
beeEPZ bemka ngobusuku. Okungokunye, iiEPZ sifana nelinye ilizwe-
elingachaphazelwa nanguwuphi umthetho wendawo (okanye nawuphina umthetho
ukusuk’ apho); ongxowankulu apho abahlawuli rhafu kwaphela.
I-DA ibonakalisa
elona cala libi lezingxaki zangoku zongxowankulu: ongxowankulu benze inkitha yeengeniso
iminyaka emininzi, kuba ngoku iingeniso zabo zisehla kancinane, bafuna ukuba
sibabheyile. Bafuna ukutyhalela umthwalo wengxaki zabo kubasebenzi ngokuxutha
amalungelo angephi esinawo. Bafuna ukunciphisa imivuzo yaye batshabalalise
imanyano zabasebenzi. Nyaka nonyaka iinkampani zongxowankulu eMzantsi Afrika
zibuyisela elizweni lazo ngaphezu kwamakhulu amabini amawaka ezigidi zerandi
(R200 billion) iingeniso kwinqununu zabo kumbindi wama impiriyali. Iminyaka
ekubeni izinga lerhafu lalinciphisiwe ukusuka kwipesenti ezingamashumi
amathathu anesihlanu ukuya kumashumi amabini anesibhozo (35% to 28%),
ongxowankulu baqhubeka begxotha inkitha yabasebenzi. Abaphumelelanga ukuzisa
amathuba emisebenzi yaye into i-DA ebafunela yona kukubanciphisela ngakumbi
izinga lerhafu yenkampani. Le yindlela engcolileyo yokunyusa iingeniso
njengokuba ongxowankulu bezakusuka baqhubeke ngokugxotha abantu emisebenzini.
I-DA ithi ‘siluhlanga olunye’ xa ifuna ivoti zethu, kodwa xa kusiyiwa ekwahlulelaneni
ngeengeniso zenkampani, bakholelwa kwimarike yabasebenzi ezintlu ezimbini. Hayi
ngokubheyila oongxowankulu- gxotha abaqashi!
Sibhentsisa
ukuzama kweCOPE ukwahlula abasebenzi
IWorkers
International Vanguard League iyayigweba imizamo yeCOPE (Congress of the
People) yokwahlula impembelelo yabasebenzi ngokufuna ukwakha imanyano
yabasebenzi entsha yaye/ okanye umanyano lwabasebenzi. Ngokushiywa lixesha
eliqela liqhekekileyo labamnyama abakumgangatho ophakathi lifumanisile ukuba
alinasiseko phakathi kwabasebenzi. Njengokuba iyintsobi yabakumgangatho
ophakathi bafuna ukusebenzisa abasebenzi babalwele amadabi abo; bafuna
ukusebenzisa abasebenzi kwiivoti kulonyulo lukaApril.
Upapasho-nkqubo
lwabo luxhomekeke ‘kuzinzo lwezoqoqosho kuzwelonke’ elizwe
`eliluxhamlileyo’(ukuyitolika: baxhasa inkqubo yezoqoqosho u-GEAR engunobangela
wokuvuleleka kwabasebenzi kuxhaphazo olukhulu, ekubandezelekeni okukhulu
nasekubulaweni yindlala); bakholelwa isitshixo, ‘yinkqubela phambili
kwezoshishino’ (ukuyitolika: ukongeza ongxowankulu abamnyama baxhamle
ekuxhatshazweni kwabasebenzi); bakholelwa ekwenzeni izigqibo ngokubambisana
nosomashishini abakhulu kuko konke urhulumente akwenzayo. Masikubeke kucace:
ongxowankulu abakhulu bagxotha amakhulu amathathu aneshumi lamawaka abasebenzi
310 000, basibulale ngendlala ngabom ngamaxabiso aphezulu yaye basigcina
singenamakhaya ngokwenza iingeniso ezinkulu ezindlwini. Ikwangabangxowankulu
bakhulu banye i-COPE efuna ukwenza izigqibo ngokubambisana malunga
norhulumente. Ngamanye amagama, inkqubo kaCOPE kukuba ngamakhwenkwe abaqashi
abatsha bama impiriyali eMzantsi Afrika, bafuna ukuba yiMDC yaseMzantsi Afrika.
Ngenkqubo yongxowankulu, luhlobo luni lwemanyano yabasebenzi
abazungulichele banoyakha? Ngongxowankulu abadla bodwa kuphela abazakuzuza ekwenzeni
abasebenzi bohlulwa-hlulwe ngakumbi.
Ngoku lixesha
sifuna umanyano lwabasebenzi ngokuchasene namaxabiso aphezulu, ngokuchasene
nokugxothwa emisebenzini, ngokuchasene nemfazwe exhaswa ngama impiriyali e-DRC,
eGaza, ngokuchaseneyo nokuphangwa kweZimbabwe ngama impiriyali. Ukuba inkokheli
zemanyano zabasebenzi azibhekise phambili ubunkokheli babasebenzi, masihlanganise
sibatshintshe; kodwa oku makube phantsi kwenkqubo ecacileyo yabasebenzi, yaye
phantsi kwesiseko somanyano lwabasebenzi.
Sibeth’ ikhwelo
kubasebenzi bayilahle i-COPE kunye ‘nemanyano yayo yabasebenzi’
enguzungulichele.
Yintoni esiyicebayo?
Likhutshwe
ngomhla 21.02.09 yiWorkers International Vanguard League, 1st
Floor, Community House, 41 Salt River rd, Salt River, 7925 ph 0214476777 email workersinternational@gmail.com
website www.workersinternational.org.za
Gauteng: ph 0781297797;
Free State ph 0761866147; Eastern Cape ph 0734751732; Western
Cape: ph 0822020617; Mpumalanga ph 0766462481;
Kzn: ph 0763657361