|
UMgaqo-nkqubo
ka 2004>>
I-WIVL iyalixhasa ikhwelo le mibutho yasekuhlaleni
lokunga voti okanye ukukrwela umgca emaphepheni oku vota kunyulo
luka 2004 lwelizwe namaphondo.
Ngaphandle kokukhetha, YONKE imibutho ethatha inxaxheba kolu lonyulo,
ngaphandle nje kwezithembiso zayo, izakuzisa ukungaphangeli okuninzi
kwingomso, imivuzo ephantsi, intsokolo, ukukhutshwa ezindlini, ukungabinazindlu,
ukungafikeleli kwimfundo, ukufa nentshabalalo ngenxa yendlala no
Gawulayo.
YONKE ngeliphandle isezipokothweni zongxowa-nkulu.
Utshintsho olululo aluzukuza ngendlela ye palamente kodwa ngaphandle
kuyo, yaye lisilwa nayo i palamente. Ulonyulo luzakufika ludlule
kodwa umzabalazo wethu uzakuqhubekeka. Ukuze lo mzabalazo ube yimpumelelo
kuse kuninzi abasebenzi ekufuneka bakwenze:
Kufuneka siqinisekise ngolawulo lwabasebenzi kwimibutho yethu –
oku kuthetha ukuthi similisele ikomiti zabasebenzi zithathe ulawulo
lwemanyano zabasebenzi nemibutho yasekuhlaleni; kufuneka sitshintshe
ezinkokheli zikhoyo ngamagorha azimisele ukuthatha imfuno zabasebenzi
ngaphezu kwezongxowa-nkulu nomfela-ndawonye wazo okurhulumente.
Imibutho yethu elwayo mayizimele poqo kongxowa-nkulu nakurhulumente.
Masakhe umanyano ngesenzo lwemanyano zabasebenzi nemibutho yasekuhlaleni.
Okubaluleke ngamandla kufuneka sakhe umbutho omtsha wokulwa onokukhokela
umzabalazo wemfuno zabasebenzi – oku kuthetha ukuthi sakhe
unxibelelwano olutsha lwamagorha kuzo zonke indawo abasebenzi abahlala
kuzo nasemisebenzini ukusuka e Kapa ukuya e Limpompo. Masidibanise
amava ethu siveze indlela enye yokulwa edibanisa imfuno zabasebenzi
bonke. I-WIVL ivule isandla kuwo wonke amagorha, amaqabane namaqela
abasebenzi siqalise sisebenze kwindlela enye eyakuba sisiseko salo
mbutho mtsha wokulwa, umbutho wotshintsho wabasebenzi okwisimo sehlabathi
ngokulwa.
Thina, siyi WIVL, ngesithabathe inxaxheba
kulo nyulo Lwelizwe nela Maphondo lomhla weshumi elinesine ku April
kodwa umthetho opasiswe ngulo rhulumente waxhaswa yimibutho yonke
ese palamente ufuna amakhulu amane anamashumi amathandathu amawaka
e randi (R460 000) ngaphambili, phambi kokuthabatha inxaxheba. Lingakwazi
njani iqelana elifana nathi eli malungu alo angabasebenzi ukubanayo
lo mali? Le ntlawulo isikhuphele ngaphandle kwaphela neminye imibutho
yabasebenzi ebifuna ukuthabatha inxaxheba.
Lo rhulumente neminye imibutho iyawoyika
umbutho wotshintsho wenene wabasebenzi ophikisayo. Kutheni le nto
besifuna ukuthabatha inxaxheba? Masikuqinisekise HAYI ngokuba besijonge
imisebenzi ecofileyo ehlawula kakuhle kodwa kungokuba ibiyakusinika
ithuba ukuba sonyulwe, ukuveza esidlangalaleni ubuxoki, ubungxowa-nkulu
bale mibutho ikhoyo, inkokheli yaye ngokwenene ubungxowa-nkulu be
palamente norhulumente ngokwakhe.
Amalungu anyuliweyo e WIVL e palamente ebezaku
khutshwa naninina epalamente yaye ebezakuhlawulwa umvuzo ongamawaka
amathathu anamakhulu amahlanu e randi (R3500) isininzi somvuzo sihlawulwe
kwi WIVL ukubhekisa phambili umzabalazo wabasebenzi. Akukho mbutho
unokukwenza oku njengokuba imivuzo yase palamente isetyenziselwa
ukuthenga abameli ukubhekisa phambili imfuno zabaqeshi. Singacela
umgeni yaye siwubeke elubala umthetho onobuzaza kwimfuno zabasebenzi.
Besizakuphakamisa umthetho ubuzakubhekisa
phambili ngenene imfuno zabasebenzi. Imibutho ebiyakusiphikisa kweziziphakamiso
ibizakuziveza ukubambisana kwayo nongxowa-nkulu. Yiyo le nto ifuna
ukusigcina ngaphandle. Ukuba besinokukhetha phakathi kokukhankasela
unyulo nokuxhasa abasebenzi abakugwayimbo, besizakukhetha abasebenzi
abakugwayimbo. Inkokheli zika COSATU zibashiye bodwa abasebenzi
kwimizi yenqwelo-moya bakwa Equity Aviation abakugwayimbo, ngoku
bakwinyanga yesine bengaphandle, zakhetha ukukhankasela kwalo mbutho,
i ANC, ungunobangela wokuthengiselwa kwabantu babucala uthutho lwemithwalo
yabantu kwimizi yenqwelo moya. Olu thengiso lwezinto zika rhulumente
kubantu babucala ludale imeko ezimbi, ezinjengokunyanzela abasebenzi
basebenze iyure ezingamashumi amane anesihlanu ngeveki endaweni
yeyure ezingamashumi amane abazilwelayo.
Ukuba urhulumente we ANC akanako nokufezekisa
eli bango lwabasebenzi lokugcina iyure zabo ezingamashumi amane
ngeveki, leliphi ithemba isininzi sabasebenzi esinalo ngamabango
aso??
Sithi yonke imibutho ethabatha inxaxheba
kolu lonyulo yeyongxowa-nkulu, yenza imfuno zongxowa-nkulu nabakumgangatho
ophakathi. Ixhaswa ngezimali ngongxowa-nkulu yaye inentloni ngoku
ngokuba ayizimiselanga ukukuveza oku kuba voti ukuba ngobani abaxhasi
bayo ngezimali. Izithembiso zabo kubasebenzi ubomi obungcono ukuba
yonyulwe bubuxoki ngokuba phantsi kobungxowa-nkulu obuphelelwayo
ongxowa-nkulu balwela izinga le ngeniso yabo njengokuba ukugxothwa
emisebenzini kuqhubeka, imivuzo ephantsi isanda, iyure zokusebenza
ezongeziweyo, njalo njalo. Kwakhona u Rhulumente, oyingalo ye ofisi
yongxowa-nkulu, ucutha kanobom kwinkcitho yasekuhlaleni yabasebenzi,
acuthe irhafu yongxowa-nkulu; yaye abancedise ekuhlawuleni inkonzo
zamanzi nombane ukusebenzisana nengeniso zongxowa-nkulu.
Imigaqo-nkqubo yayo yonke le mibutho igcwele ubuxoki nezithembiso
ezingeyonyani. (Jonga kwinqaku lethu lomgaqo-nkqubo we ANC ne DA).
Izicwangciso zale mibutho yonke ise palamente yezinto ezakuzenza
ziqulathe ukugcina abasebenzi kwindlala yanaphakade.
Isivumelwano sabantu okanye urhulumente wobupolisa?
Ngolwesine umhla wokuqala ka April 2004, amapolisa adubule abasebenzi
bakwa Lombard Foods e Strand ababekwintshukumo zonyuso lwemivuzo
ngokumasikizi. Siyaligxeka kanobom eli nyathelo lika rhulumente.
Abasebenzi abaninzi baye bangxwelerheka obebukele uthe wenzakala
ngokumasikizi. La manyathelo asibonisa ukuba indima yamapolisa kukulawula
abasebenzi nokukhusela abaqashi. Uqeqesho lwekhulu elinamashumi
amahlanu amawaka (150 000) lwamanye amapolisa alwenzelwanga ukulwa
ubundlobongela kodwa ukuhlasela abasebenzi njengokuba sibila-sisoma
sifuna amalungelo ethu. Ukuxhaswa ngamxhelo-mnye ko mthetho wokulwa
ubunqolobi (Anti-Terror Law) yimibutho yonke ese palamente kubonisa
ukuba ingakwicala labaqeshi nakuma imperiyali. Njengokuba lo mthetho
usabekelwe ecaleni okwethutyana, ngokuqinisekileyo uzakubuyiswa
yakuba le mibutho ifumene ivoti zethu. Imibutho ese palamente ilungiselela
indima yobupolisa yama imperiyali e Mzantsi Afrika nakwi Afrika
iphela.
Siphakamisa amabango anganzimanga anokusetyenziswa
ukuba ubani ngenene unenjongo ngentlalo embi kubomi babasebenzi
bonke bo Mzantsi Afrika. Izigidi azisebenzi, azinazindlu NGOKU,
izigidi zirhola imivuzo ephantsi, zihlala kwindawo ezifixeneyo NGOKU,
urhulumente makathathe uxanduva lakhe wonke ubani NGOKU.
NANGA AMABANGO ETHU:
1. Ukungaphangeli: Sichasa
iziphakamiso ze ANC zemisebenzi yasekuhlaleni ekuthiwa izakudala
isigidi semisebenzi kule minyaka mihlanu izayo (kokungenakwenzeka
okubonisa ukuphelelwa ngamathemba ngokuba le yimisebenzi yethutyana
yaye qho ngonyaka ngamakhulu amane amawaka (400 000) abasebenzi
abatsha abafuna imisebenzi bayangenelela). Sicebisa awona angqingqwa
nanqabileyo amacebo abizwa ngokuba UKUHLA KWE YURE ZOKUSEBENZA.
Oku kuthetha ukuthi umsebenzi wonke okhoyo mawahlulahlulelwe abo
bonke banako ukusebenze (ukuthi bonke abasebenzayo nabo bonke abangasebenziyo),
ngaphandle kokuphulukana nomvuzo. Oku kuthetha ukuthi kuphungulwe
iveki yokusebenza ibe ziyure ezingamashumi amathathu okanye ngaphantsi.
Ulongezelelo ku Mthetho Wonxulumano Nabasebenzi nakowe Meko Ekusetyenzwa
Phantsi Kwazo malupasiswe ngokukhawuleza ukuze kusebenze elibango.
Imanyano mazibethe ikhwelo leli bango. Ongxowa-nkulu nabakumgangatho
ophakathi bangama entla, abanye bangabeka ukutshona ngokwezimali.
Okusalayo koku: Indlala nokufa kwizigidi zabasebenzi OKANYE izidudla
zengeniso namalungelo kwigcuntswana lo ngxowa-nkulu. Uthengiso lwezinto
zikarhulumente kubantu babucala malumiswe yaye lubuyiselwe umva.
Imveliso kuqala mayanelise imfuno zakhe wonke ubani. Ixesha elangeziweyo
lokusebenza malipheliswe.
2. Izindlu: Umthetho omtsha wezindlu mawusetyenziselwe
ukuvelisa izindlu ezikhuselekileyo nezisemgangathweni kwabo bangafikeleliyo.
1) Ukukhutshwa ezindlini makupheliswe ngoku.
2) Onke amatyala emizi ebolekisa ngemali mawacinywe.
3) Imizi eyalayo ukucinywa kwamatyala mayinikezelwe kurhulumente.
4) Onke amatyala ezindlu imizi egcina imali etyalwa yona ngabangaphangeliyo
makacinywe yaye ubunini bendlu bunikezelwe kurhulumente.
5) Urhulumente ancedise ukuhlawulwa kwamatyala abo basebenzayo ngokomlinganiselo
womvuzo nokufikeleleka.
6) Oluhlobo lukhoyo lokuncedisa ekufumaneni izindlu malucinywe.
7) Urhulumente ahlawulise inkonzo zezindlu eziphantsi, izindlu ezisemgangathweni
kumntu wonke. Abangaphangeliyo nabendodla bangahlawuliswa. Phantsi
ngokufumana ingeniso ngezindlu.
8) Ukuvuselelwa kwendlela, indawo zokuphumla, amathala encwadi,
indawo zokudlala.
Imizi ebolekisa ngemali yongxowa-nkulu iyakuthi lamabango asisithuko.
Kusenjalo indlu esemgangathweni kumntu wonke lilungelo lobuntu.
Le nto izigidi zingafikeleliyo ezindlini inxulumene ngqo nokungaphangeli,
imivuzo ephantsi nokunyoluka kongxowa-nkulu. Ovezinyawo urhulumente
abakhayo [abancinci kangangokuba akunako nokutshintsha ingcinga
kuzo] ayizozindlu kodwa kukudunyiswa kwe hoki.
3. Amaxabiso okutya aphezulu, intlupheko nendlala
a) Mayicinywe irhafu (i VAT) kuko konke ukutya ngoku.
b) MAYICINYWE YONKE IRHAFU e MBANENI, e MANZINI NASEKUHLAWULWENI
KWEMINXEBA KWINGINGQI ZABASEBENZI.
c) OWONA MVUZO UPHANTSI oyi R3, 500 ngenyanga mawubese mthethweni
ngoku ukuhlangabezana nemfuno zabasebenzi. Unyuso lwemivuzo malulandele
qho amaxabiso okutya xa enyuka. Iqonga labasebenzi abangabathengi
malisekwe libeliliso lalamaxabiso.
d) Lamaxabiso aphezulu okutya emzantsi Afrika (iziphumo ngqo zongxowa-nkulu
abadibeneyo) makaphandwe yaye uveliso nothutho lokutya malube phantsi
korhulumente- phantsi ngokufumana ingeniso ekutyeni.
4. UMBANE, AMANZI.
1) UKUCINYWA KOMBANE NAMANZI makupheliswe ngoku yaye abo bacinyelweyo
mabavulelwe.
2) Onke amatyala embaneni nasemanzini makacinywe.
3) Umlinganiselo wombane oxabisa i R300,00 namanzi axabisa i R300,00
makanikezwe simahla kubo bonke abarhola imivuzo engaphantsi kwe
R3000,00 ngenyanga. Esi sibonelelo senyuke kunye nokunyuka kwamaxabiso
[sithathela kumlinganiselo wentlupheko oyi R3000,00 kusapho lwabantu
abane]
4) Zonke izakhiwo ezithengiselwe abantu babucala zibuyiselwe ubunini
nolawulo kurhulumente - phantsi ngokufumana ingeniso ekuveliseni
inkonzo.
5. EZEMPILO.
1) Urhulumente ngabom akanikezi ngoncedo lwezempilo namayeza asemgangathweni
kwizigulane zika Gawulayo. Oku kuthetha ubhubhane wabantu. Unikezelo
nempatho yamachiza ka Gawulayo simahla ngoku noncedo lwezempilo
kuzo zonke izigulana.
2) Izixhobo zokusebenza nemeko ekusetyenzwa phantsi kwazo kwizibhedlela
nakwi kliniki ayinyamezeleki, imingcelele emide namayeza angafanelekanga
yinto yemihla ngemihla. Makuvuselelwe kwangezwe ezinye kwingingqi
zabasebenzi.
3) Kucinywe onke amatyala amayeza kuzo zonke izigulana ezirhola
imivuzo engaphantsi kwe R3500,00 ngenyanga. Kuze kwabo barhola ngaphezulu
kwe R3500,00 bahlawuliswe ngokwemivuzo yabo.
4) Makuqashwe abanye ogqirha nonesi kuzo zonke izibhedlele ne kliniki.
5) Amaxabiso aphezulu amayeza e Mzantsi Afrika kwakhona angqamene
ngqo nongxowa-nkulu abadibeneyo. Xasithelekisa amaxabiso amayeza
ethu kulawo ase Brazil nase Indiya, ungangxwelerheka lulothuko.
I Zantac [unyango lwe ulcers] luxabisa i R50,00 e Indiya kodwa e
Mzantsi Afrika luyi R350,00. Uncedo lwezempilo malube kurhulumente
lonke ukuquka nokuvelisa nothutho lwamayeza - phantsi ngokufumana
ingeniso kwezempilo.
6. IMFUNDO
1) Mawucinywe lo mthetho wemfundo i OBE (Outcomes Based Education)
lowo uvalela abafundi babasebenzi emfundweni.
2) Makongezwe otitshala, makongezwe amagumbi okufunda, abafundi
babe mbalwa kwigumbi ngalinye.
3) Imfundo yasimahla, ekhululekileyo nelilungelo kumntu wonke ukufikelela
kwibanga leshumi.
4) Imfundo enomsila yasimahla, ekhululekileyo kubo bonke abafundi
abavela kwintsapho zabasebenzi abarhola ngaphantsi komvuzo we R3500,00
ngenyanga.
5) Imfundo akufanelekanga ixhanyulwe zizityebi kuphela lilungelo
elingundoqo, ikamva lwempucuko yabantu lixhomekeke ebantwini belizwe
abaqeqeshiweyo nabanemfundo ephakamileyo.
6) Imfundo mayibesezandleni zikarhulumente - phantsi ngokufumana
ingeniso kwimfundo.
7) Urhulumente makangazincedisi ngezimali izikolo zabucala.
7. Ubuhlobo nama imperiyali mabuphele [ongxowa-nkulu abadibeneyo
nemizi egcina imali]
Ongxowa-nkulu abadibeneyo nemizi egcina imali yehlabathi banenxaxheba
kwimfazwe, kwintlupheko nentshabalalo kwihlabathi liphela. Sibanga
ukupheliswa kwezivumelwano zezixhobo; ukupheliswa kokuthengisela
i Melika ne Brithani izixhobo; ukuqhawula bonke ubudlelwana kunye
norhulumente olawula ngoko bupolisa wama Sirayeli. Phantsi ngezicwangciso
zoqoqosho zama imperiyali!
Lamabango angentla ngamabango ethu asisiseko
sokwenza inguqu eyiyo kwimeko zokuphila kwisininzi esisokolayo sase
Mzantsi Afrika. Lamabango ethutyana abuyisa ukuthi saa nokuhla kwesidima
sabasebenzi; akayisusi imeko yengcinezelo yobungxowa-nkulu, apho
abo banolawulo lwemihlaba, imigodi, imizi mveliso baphila ngokubila
nokuphalala kwegazi labasebenzi.
Inkululeko yokwenyani, ukulingana ngokwenyani,
ukukhululeka okukuko kungakho xa lenkqubo yokuxhaphaza (eyaziwa
njenge nkqubo yobungxowa-nkulu) ibhukuqiwe kubekho inkqubo yobu
Soshiyali apho ulawulo lomhlaba, ibhanki, imigodi, imizi-mveliso
iselulawulweni lwabantu bonke hayi kwigcuntswana longxowa-nkulu
nenkampani zongxowa-nkulu. Ukususwa kobungxowa-nkulu kungenziwa
kuphela ngabasebenzi abo ngokwembali banamava omzabalazo. Kodwa
abasebenzi bafuna umbutho wotshitsho oqinileyo onomgaqo wokusebenza
wotshitsho, kunye nenkokheli ezizimiseleyo zibhekise phambili lo
mgaqo wokusebenza wotshintsho. Sibetha ikhwelo kubasebenzi botshitsho
ngokwahlukana kwabo bazibandakanye nathi ukwakha lo mbutho.
Zibandakanye ne Workers International Vanguard
League ngoku ukwenza oku kubeyinyaniso.
UMHLA WE 14TH APRIL 2004 NGUMHLA OLUNGILEYO UKUSEKA LO MBUTHO.
PHAMBILI NGOMBUTHO WABASEBENZI WOTSHITSHO!
PHAMBILI NGOTSHITSHO LWAMA SOSHIYALI!
|